42 Àbasikhumbula isandla sakhe,Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;
43 Áwamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa,Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.
44 Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi,Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.
45 Wathumela kubo iingcongconi, zabadla;Namasele, abatshabalalisa.
46 Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo,Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.
47 Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo,Nemithombe yabo ngomkhenkce.
48 Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo,Nemihlambi yabo ngemibane.