51 Wababulala bonke abamazibulo eYiputa,Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.
52 Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu,Wabaqhuba njengomhlambi entlango;
53 Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi;Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle
54 Wabazìsa emdeni wakhe ongcwele,Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.
55 Wagxotha iintlanga ebusweni babo,Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo;Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.
56 Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni,Àbazigcina izingqiniso zakhe,
57 Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.