56 Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni,Àbazigcina izingqiniso zakhe,
57 Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.
58 Bamqumbisa ngezingánga zabo,Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.
59 Weva uThixo, waphuphuma umsindo,Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
60 Wawulahla umnquba waseShilo,Intente abeyimise esintwini;
61 Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe,Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.
62 Wabanikela abantu bakhe kwikrele,Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.