64 Ababingeleli babo bawa likrele,Abahlolokazi babo àbalila.
65 Yaza yavuka njengobelele iNkosi,Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.
66 Yababetha ngasemva ababandezeli bayo,Yabenza ingcikivo engunaphakade.
67 Yayicekisa intente yakwaYosefu,Àyasinyula isizwe sakwaEfrayim.
68 Yanyula isizwe sakwaYuda,Intaba yaseZiyon eyayithandayo.
69 Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe,Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade.
70 Yanyula uDavide umkhonzi wayo,Yamthabatha ezibayeni zezimvu;