8 Bangabi njengooyise,Isizukulwana esiyinjubaqa, esineenkani,Isizukulwana esingayilungisanga intliziyo yaso,Esimoya unganyanisanga kuThixo.
9 Oonyana bakaEfrayim, bexhobile, beziintoli ezinezaphetha,Bajika ngemini yemfazwe.
10 Abawugcinanga umnqophiso kaThixo,Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;
11 Bazilibala izenzo zakhe ezincamisayo,Nezibalulekileyo zakhe awababonisayo.
12 Phambi kooyise wenza ngokubalulekileyoEzweni lamaYiputa, emhlabeni waseTsohan.
13 Wàludabula ulwandle, wabaweza,Wawamisa amanzi njengemfumba.
14 Wabakhapha ngelifu emini,Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke,