1 Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho,Ziyenzé inqambi itempile yakho engcwele;Ziyenzé yayimiwewe iYerusalem.
2 Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle,Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe.
3 Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem;Akwabakho mngcwabi.
4 Sènziwe ingcikivo kubamelwane bethu,Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo.
5 Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile?Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?
6 Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingàkwaziyo,Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho.
7 Ngokuba zimdlile uYakobi,Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.