7 Ngokuba zimdlile uYakobi,Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.
8 Musa ukubukhumbula kúthi ubugwenxa bamanyange ethu,Mayingxame isikhawulele imfesane yakho:Ngokuba siswele kakhulu.
9 Síncede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho,Usihlangúle, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.
10 Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo?Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu,Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo.
11 Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa;Ngokobukhulu bengalo yakho básalise oonyana bokufa.
12 Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yaboIngcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi.
13 Ke thina bantu bakho, zimvu zalúswa nguwe,Siya kubulela kuwe ngonaphakade,Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana.