12 Ùzityhobozeleni na iintango zawo,Ukuze bawukhe bonke abadlula ngendlela?
13 Ingulube yasehlathini iyawubhuqa,Nento edakasa endle iyawudla.
14 Thixo wemikhosi, khawubuye,Uqondele usemazulwini, ubone,Uwuvelele lo mdiliya.
15 Yikhusele into esiyityeleyo isandla sakho sokunene,Unyana lo uzizimaseleyo ngokwakho.
16 Útshisiwe ngumlilo, uhlahliwe;Bayadaka ngokusongela kobuso bakho.
17 Isandla sakho masibe phezu komfo wesandla sakho sokunene,Phezu koonyana babantu, ozizimaseleyo ngokwakho.
18 Àsiyi kumka kuwe;Síphilise, silinqule igama lakho.