11 Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.
12 Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.
13 Akwaba abantu bam bebendiva,Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!
14 Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo,Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.
15 Abamthiyayo uYehova bebeya kuhanahanisa kuye,Libe ngunaphakade ixesha labo.
16 Bendiya kubadlisa ingqolowa etyebileyo,Ndibahluthise ngobusi etsilini.