6 Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe;Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.
7 Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula;Ndakuphendula esitheni leendudumo,Ndakuvavanya emanzini aseMeribha.* (Phakamisani.)
8 Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!
9 Makungabikho thixo wasemzini kuwe;Unganquli thixo wolunye uhlanga.
10 Ndim uYehova uThixo wakho,Okunyusileyo elizweni laseYiputa.Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.
11 Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.
12 Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.