8 Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!
9 Makungabikho thixo wasemzini kuwe;Unganquli thixo wolunye uhlanga.
10 Ndim uYehova uThixo wakho,Okunyusileyo elizweni laseYiputa.Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.
11 Ke abantu bam àbáliva izwi lam,USirayeli akandivumanga.
12 Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;Bahamba ngawabo amaqhinga.
13 Akwaba abantu bam bebendiva,Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!
14 Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo,Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.