1 Thixo, musa ukuthi cwaka,Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.
2 Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela;Abakuthiyayo baphakamisa intloko.
3 Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.
4 Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.
5 Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe: