3 Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.
4 Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.
5 Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe:
6 Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,
7 AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8 Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9 Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.