5 Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,Benza umnqophiso ngawe:
6 Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,
7 AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8 Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9 Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.
10 Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.
11 Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;