1 Yehova, wabé unetarhu kwilizwe lakho.Ububabuyisa abathinjwa bakaYakobi;
2 Ububuxolela ubugwenxa babantu bakho,Ubuziselela zonke izono zabo. (Phakamisani.)
3 Ubuwufinyeza umsindo wakho ophuphumayo,Ububuya ekuvutheni komsindo wakho.
4 Síbuyise, Thixo ongumsindisi wethu,Uyisuse ingqumbo yakho kuthi.
5 Uya kusiqumbela ngonaphakade na?Umsindo wakho ùya kuwolulela kwizizukulwana ngezizukulwana na?
6 Akuyi kubuya usiphilise na,Abantu bakho bavuye ngawe?