16 Úzazisile uYehova; wenza umgwebo,Emthiyela ngomsebenzi wezandla zakhe ongendawo. (Bethani uhadi ngofefe. Phakamisani.)
17 Baya kubuyela kwelabafileyo abangendawo,Kwaiintlanga zonke ezimlibalayo uThixo;
18 Ngokuba aliyi kuhlala lilityalwa ihlwempu,Ithemba leentsizana aliyi kudaka ngonaphakade.
19 Khawusuk' ume, Yehova; malungàngcwangushi uluntu,Mazigwetywe iintlanga phambi kwakho,
20 Zimisele ukoyika, Yehova,Zazi iintlanga ukuba ziluluntu kuphela. (Phakamisani.)