4 Ngokuba ùyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho,Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.
5 Azizikhulu izenzo zakho, Yehova!Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.
6 Isityhakala asinakwazi;Isinyabi asikuqondi oko.
7 Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,Kukuze batshabalale ngonaphakade.
8 Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.
9 Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
10 Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.