19 Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam,Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.
20 Ingáqhelana nawe na itrone yolweyeliselo,Ebumba ububi ngommiselo?
21 Bahlanganyela umphefumlo welungisa,Baligwebe igazi elimsulwa.
22 Kanti ke uYehova uyingxonde kum,UThixo wam liliwa endizímela ngalo.
23 Úbubuyisela phezu kwabo ubutshinga babo,Ubabhangisa ngobubi babo;Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.