3 Ukhumbulé inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli;Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.
4 Dumani kuYehova, nonke hlabathi,Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.
5 Mbetheleni uhadi uYehova,Uhadi nelizwi lengoma;
6 Ngamaxilongo nezwi lesigodloDumani phambi koKumkani uYehova.
7 Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo,Elimiweyo nabemi balo.
8 Imilambo mayibethe izandla,Zimemelele kunye iintaba
9 Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi.Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,Izizwe ngokuthe tye.