24 Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana;Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye;Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
25 Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu;Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.
26 Baya kudla abalulamileyo, bahluthe;Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo.Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!
27 Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi,Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:
28 Ngokuba bobukaYehova ubukumkani,Nguye umlawuli ezintlangeni.
29 Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.
30 Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.