26 Baya kudla abalulamileyo, bahluthe;Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo.Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!
27 Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi,Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:
28 Ngokuba bobukaYehova ubukumkani,Nguye umlawuli ezintlangeni.
29 Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.
30 Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.
31 Baya kuza baxele ubulungisa bayoKubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.