5 Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku,Nalutolo lubaleka emini;
6 Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni,Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.
7 Kungawa iwaka ecaleni kwakho,Isigidi ngasekunene kwakho,Kodwa kungasondeli nto kuwe.
8 Wòkhangela ngamehlo akho odwa,Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.
9 Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam.Ùmenze Osenyangweni ikhaya lakho.
10 Akuyi kuqubisana bubi nawe.Kungafiki sibetho ententeni yakho.
11 Ngokuba izithunywa zakhe úziwisele umthetho ngawe,Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.