12 Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova,Oyifundisayo ngomyalelo wakho;
13 Ukuba uyizolise eziminini zobubi,Ade ambelwe isihogo ongendawo.
14 Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe,Akalishiyi ilifa lakhe.
15 Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni,Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.
16 Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam?Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?
17 Koko uYehova abe luncedo lwam,Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.
18 Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam,Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.