Iindumiso 10 XHO96

Ukucela uncedo

1 Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

2 Abantw' abagwenxa banolunya;bayabaleqa ababuthathaka.Mabarhintyelwe kwangaloo mayelenqe abo.

3 Bayazidla ngaloo magugwana abo,bazicengezele konempumelelo,bamdele uNdikhoyo.

4 Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5 Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.Bayazeya zonke iintshaba zabo.

6 Baziqhayisa ngokuthi abasoze boyiswe nto bona,abasoze balibone ishwangusha.

7 Umlomo wabo mbi, uzel' izishwabulo, ubuxoki, nezisongelo;basoloko beceba ububi nobutshinga.

8 Bahamba bencathama ngezindlu ezixekweni,bezungul' ukugwint' abantw' abangenatyala,balalel' abantw' abangenakuzikhusela.

9 Bazimel' engontsini, baxel' ingonyama,ilalel' ixhoba elingumnt' oludwayi;xhakamfu bambambise ngomgibe wabo!

10 Nal' olo sizana lungen' esigwini lusoyisakala.

11 Bathi xa bezikhohlisa: “UThixo akakhathali;akahoyanga nto; akasoz' aqonde.”

12 Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

13 Kungani bekudela nje abantw' abagwenxa?Kutheni le nto bade bathi: “Akukho nt' aya kuyenza loo Thixo”?

14 Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi,khon' ukuze ulungele ukusisiza.Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi,wena ongumncedi weenkedama.

15 Zaphul' iimpondo ke izikrelemnqa nabantw' abagwenxa;bohlwaye ide iphele nya inkohlakalo yabo.

16 Ngukumkani uNdikhoyo kuya kude kube nini-nini.Zobhanga ziphele nya emhlabeni iintshaba zakhe.

17 Ndikhoyo, uyaziva izicelo zabantw' abathobekileyo;uyabavuselela, uziphendule izicelo zabo.

18 Iinkedama nabacinezelweyo uyabaqwebela,khon' ukuze oonyana babantu bangagrogrisi mntu ehlabathini.