Iindumiso 147 XHO96

Ukubonga uThixo uPhezukonke

1 Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”Kaloku yinto entle ukumemelela, sibonge uThixo wethu;ewe, luyolo, kwaye kufanelekile ukumdumisa.

2 *NguNdikhoyo umakhi weJerusalem,umqokeleli weembacu zakwaSirayeli,

3 umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,ewe, umbophi wamanxeba abo.

4 Ngumqingqi wenani leenkwenkwezi;iyileyo naleyo kuzo uyibiza ngegama layo.

5 Hay' ubukhulu bukaNdikhoyo, uyingangalala ngamandla!Ubulumko bakhe abunamda.

6 UNdikhoyo uyabaphakamisa abagqush' eluthulini;ke bona abakhohlakeleyo ubakhahlela phantsi.

7 Hlabelani nimombelele uNdikhoyo nibulela;tsholozani niculele uThixo wethu ngezeengcingo –

8 umtwabululi wamafu afihl' isibhakabhaka,nguye owabela umhlaba imvula,ulontshulis' ingca ezintabeni,

9 umondli wezilwanyana ngokutya kwazo,umfunzeli wamathol' ehlungulu azibikayo.

10 Yena akakuhoye nganto ukukhalipha kwehashe,engabukhathalele nobungwanyalala bezitho zendoda,

11 koko yena uNdikhoyo uthanda abamhlonelayo,abo bakholosa ngezibele zakhe ezingatshitshiyo.

12 Duma ubonge uNdikhoyo, Jerusalem!Mbonge uThixo wakho, Ziyon!

13 Kaloku nguye owomeleza imivalo yamasango akho;nguye othamsanqela abantu bakho.

14 Nguye omisela inzolo phakathi kwemida yakho;ikwanguye okwanelisa ngeyona-yona ngqolowa.

15 Yena uthetha ngelizwi nje qha,ngoko nangoko lityhutyhe ihlabathi.

16 Ukhitikisa ikhephu, libe njengoboya;unisa iqabaka, kube mhlophe okothuthu.

17 Usarhaza umkhenkce, ngathi sisichotho;ngubani onokumelana nengqele yakhe?

18 Uthetha ngelizwi, zinyibilike ezo zinto;athumele umoya, kubaleke amanzi.

19 Ngumazisi wodaba lwakhe kuYakobi,imithetho nezigqibo zakhe kuSirayeli.

20 Kwezinye izizwe zange enjenjalo,nemimiselo yakhe aziyazi.Dumani nithi: “Bayethe, Mhlekazi!”