1 Awu, Thixo, usilahlile!Ngoku sitsho soyisakala.Wena usivelele ngomsindo.Nceda, khawube nebuyambo.
2 Wena uwunyikimisile umhlaba;wona utsho wazama-zama; kungokunje uyaqhaqhazela.Nceda ungcibe ezo ntanda.
3 Abantu bakho ubavise inkxwaleko;ewe, usitsho sazizinxada-nxada.
4 Ubanike intshinga abakuhlonelayo;ubahluphezile ukuze bazuze uloyiso.
5 Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.
6 UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.
7 IGiliyadi yeyam, noManase ngowam.UEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.
8 UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
9 Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?
10 Noko usilahlile, Thixo.Awusaphumi nemikhosi yethu.
11 Sincedise ezintshabeni zethu:kaloku olomntu uncedo luphuthile.
12 Ukuba uThixo ungakuthi siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.