Iindumiso 38 XHO96

Umthandazo womntu osebunzimeni

Umhobe kaDavide; ngomnikelo wesikhumbuzo.

1 *Ndikhoyo, ungandingxolisi ngomsindo,ungandohlwayi ngengqumbo.

2 Zindityakatyile iintolo zakho,nesandla sakho sindicinezele kabuhlungu.

3 Nditsho ndayingxwelerha ngenxa yomsindo wakho;ndiyafa ziintlungu ngenxa yezono zam.

4 Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni;zindisinda oku komthwal' onzima.

5 Zitsho zabhidla izilonda zam,kuthi phuu ngenxa yobudenge bam.

6 Ndibandezelekile, ndiphelile,kangangokude ndizile imini yonke.

7 Ndiyapena-pena ziintlungu;andinampilo konke.

8 Ndoyisakele kwaphela;ndiyagcuma ziintlungu nalixhala.

9 Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,uyaziva zonke iincwina zam.

10 Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,namehlo am selebona kaluzizi.

11 Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,nkqu nentsapho yam le icezela phaya.

12 Bayandithiyela abafuna ukundibulala;bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;bayandibhunga imini yonke.

13 Kodwa mna ndaba njengesithulu, andeva;ndanjengesimumu, andawuvula tu umlomo.

14 Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,kuba engeva.

15 Ndikhoyo, ndithembele ngawe;nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.

16 Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.

17 Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.

18 Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

19 Banamandla abo baziintshaba zam,nâbo bandithiya kungekho sizathu.

20 Ubuhle bandibuyisela ngobubi,naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.

21 Zungandifulatheli, Ndikhoyo;Thixo wam, mus' ukuchasela kum.

22 Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!