1 Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?
2 Ookumkani bemi bume,neziphathamandla zenza amabhungaokuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe, besithi:
3 “Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,sikhululeke kuloo makhamandela abo.”
4 Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;uNdikhoyo usuka abagxwale.
5 Uya kusuka akhalimele ngomsindo,abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:
6 “Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,intaba yam ncakasana.”
7 Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.
8 Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho,namaphethelo ehlabathi abe ngawakho.
9 Wòzilawula ngegqudu lentsimbi,ùzintlekeze zibe ziingceba oku kwezitya zomdongwe.”
10 Ngoko ke, nina bokumkani, lumkani,nina ziphathamandla zelizwe, yalekani.
11 Mkhonzeni ngembeko uNdikhoyo,nivuye ninokuzoyikela.
12 Khahlelani kuye unyana ngentobeko,hleze aniqumbele nitshabalale endleleni;kaloku umsindo wakhe uyakhawuleza.Hayi uyolo lwabo bonke abazimela ngoNdikhoyo!