1 *Ndikhoyo, Nkosi yethu,hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini!Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho,
2 nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga,nto leyo ibamisela umqobo abachasiwokuvalela utshaba kwanomphindezeli.
3 Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo,inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe,
4 ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
5 Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo;umthe jize ngesihomo nesithozela.
6 Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho,wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk' izinto:
7 iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi;
8 iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi,nayo yonke into ephithizela elwandle.
9 Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela,Ndikhoyo, Nkosi yethu!