1 Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.Umphefumlo wam uyakulangazelela.Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.
2 Ndikuzingela phakathi *esibingelelweni,ukuze ndibone amandla nesidima sakho.
3 Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
4 Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.
5 Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.
6 Emandlalweni wam ndicinga ngawe;ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.
7 Kaloku wena uluncedo lwam;ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.
8 Ndizimisele ukuthi nca kuwe;kaloku wena uyandixhasa.
9 Ke bona abafunana nobomi bambaya kweyela kwelabafileyo.
10 Baya kubulawa ngekrele,babe lixhoba leengcuka.
11 Ke yena ukumkani uvuyiswa nguThixo.Bonke abaqamela ngaye baya konwaba.Amaxoki ke wona aya kusikw' umlomo.