1 USirayeli makabalise athi:“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.
2 Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,kodwa zange zindongamele.
3 Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.
4 Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”
5 Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.
6 Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,yona idodobalayo ingakhuli.
7 Ayide isikwe nokusikwa;futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.
8 Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:“UNdikhoyo makanithamsanqele;thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”