1 Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.Zonakele, futhi zenza amasikizi;akukho ulungisayo kuzo.
2 Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;uhlel' ezulwini efuna ukuqondaukuba ngaba sikho na isilumko,nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3 Kambe ke bonke bemkile,xa bebonke bonakele;kuba akakho olungisayo,nditsho nokuba abe mnye.
4 Abanangqondo na abakhohlakeleyo;abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?
5 Baya kunkwantya benkwantyile,kuba uThixo ukunye nâbo bamthobeleyo.
6 Nangona aminxwayo amacebo osizana,nguNdikhoyo olixhadi lalo.
7 Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.AbakwaYakobi baya kugcoba;ewe, ochulumacha amaSirayeli.