1 Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
2 Umncedi wam *nguNdikhoyo,yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
3 Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;kaloku akozeli, walusa mna.
4 Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,engalali nokulala oku.
5 Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –nguye okwenzela umthunzi.
6 Emini ilanga aliyi kukugqatsa;kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.
7 NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
8 Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,xa uhambayo naxa ubuyayo,kuqalela ngoku kude kube nini-nini.