Iindumiso 132 XHO96

Umhobe wendlu kaThixo

Iculo labahambi.

1 Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavidengawo onke amasuka-ndihlale akhe,

2 nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo,eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi.

3 Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,

4 ngenene andisoze ndiwavale amehlo,ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,

5 ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”

6 Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:

7 “Masiye kuye ebhotwe;masiye kumnqula simkhahlele.”

8 Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,wena ndawonye netyesi yomnqophiso;nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.

9 Ababingeleli mabavathe ubulungisa,abantu bakho batsholoze ngovuyo.

10 Ngenxa yesicaka sakho uDavideungamfulatheli umthanjiswa wakho.

11 Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,futhi ke soze usijike, usithi:“Omnye koonyana besinqe sakhondiya kumthambisa abe ngukumkani,angene esikhundleni sakho.

12 Ukuba ke bathe bawugcinaumnqophiso lo oonyana bakho,kwanemimiselo endibafundisa yona,noonyana babo bolawula,bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”

13 Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:

14 “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.

15 Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.

16 Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.

17 Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.

18 Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”