1 Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavidengawo onke amasuka-ndihlale akhe,
2 nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo,eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi.
3 Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,
4 ngenene andisoze ndiwavale amehlo,ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,
5 ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”
6 Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:
7 “Masiye kuye ebhotwe;masiye kumnqula simkhahlele.”
8 Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,wena ndawonye netyesi yomnqophiso;nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.
9 Ababingeleli mabavathe ubulungisa,abantu bakho batsholoze ngovuyo.
10 Ngenxa yesicaka sakho uDavideungamfulatheli umthanjiswa wakho.
11 Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,futhi ke soze usijike, usithi:“Omnye koonyana besinqe sakhondiya kumthambisa abe ngukumkani,angene esikhundleni sakho.
12 Ukuba ke bathe bawugcinaumnqophiso lo oonyana bakho,kwanemimiselo endibafundisa yona,noonyana babo bolawula,bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”
13 Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:
14 “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.
15 Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.
16 Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.
17 Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.
18 Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”