1 Awu, ndibamba ngazibini, *Ndikhoyo.Ewe, ndinongazenzisiyo umbulelo;ndikuncoma ndikubonge naphi na.
2 Ndikhala ndijongise ngasendlwini yakho engcwele,ndibonga ndincoma igama lakho,ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho,kuba uzicacisile ukuba wena,ndawonye nezithembiso zakho, ubalasele.
3 Ndathi ndakukhala kuwe wandiphendulakangangokuba ndatsho ndomelezeka.
4 Zonke izikumkani zehlabathi mazikudumise, Ndikhoyo,kuba zizivile izithembiso zakho.
5 Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.
6 Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,ubanonophele abagqush' eluthulini;ke bona abaqholosayo ubabukele.
7 Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.
8 UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.