1 Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,nonke nina zicaka zakhe,nina nonke nima bume ebusuku,nisebenza endlwini kaNdikhoyo.
2 Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,nimbonge nimncome uNdikhoyo.
3 UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,wanga angakuthamsanqela eseZiyon.