1 *UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;uyasabela ndakuzibika kuye.
2 Njengoko endiphulaphula nje,ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.
3 Izabatha zokufa zandibhijela,izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4 Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”
5 Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!
6 UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;nam ndandingenamandla wandihlangula.
7 Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,kuba uNdikhoyo undivelele.
8 UNdikhoyo undihlangule ekufeni;yena undosule iinyembezi,wandikhusela andakhubeka.
9 Kungoko ndihamba noNdikhoyokweli lizwe labaphilayo.
10 Ndancekelela, ndathemba,nakuba ndandisithi sendivuthulukile.
11 Ekuncameni ndakhala ndathi:“Abathembekanga kambe abantu.”
12 Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyongezibele ezingaka andenzele zona?
13 Ndothatha indebe yosindiso,ndibize igama likaNdikhoyo.
14 Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.
15 Ayithandeki kambe kuNdikhoyointo yokufa kwabantu bakhe.
16 Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;ndilapha nje ndakhululwa nguwe.
17 Ndiya kukwenzela idini lombulelo;ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.
18 Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,
19 enkundleni yendlu kaNdikhoyo,kanye phakathi eJerusalem.Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”