Iindumiso 50 XHO96

Unqulo olululo

Umhobe ka-Asafu.

1 *UNdikhoyo, uThixo uSomandla, uyathetha;ubhekisa kwihlabathi jikelele,ukususela empumalanga kuye entshonalanga.

2 UThixo ubengezela eZiyon,isixeko esibalaseleyo ngobuhle.

3 Uyeza uThixo wethu;yena akayi kuthi tu.Phambi kwakhe kudangazela umlilo;uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.

4 Umema amazulu kwanehlabathi,xa aza kugweba abantu bakhe.

5 Uthi: “Bahlanganiseleni kum abam abathembekileyo,abanqophisene nam ngombingelelo.”

6 Amazulu ngokwawo abalisa ngobulungisa bukaThixo;kaloku umgwebi ikwanguye ngokwakhe.

7 “Khaniphulaphule, bantu bam, ndithethe;ndiyakumangalela, Sirayeli.Mna Thixo ndinguThixo wakho.

8 Andiyigxeki imibingelelo yakho;amadini akho atshiswayo asoloko ephambi kwam.

9 Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.

10 Kaloku zezam zonke izilwanyananeenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.

11 Xa zizonke iintaka ndiyazazi;nezinambuzane zamathafa zezam.

12 “Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.

13 Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14 Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

15 Zibike kum xa usengxakini;mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”

16 Kambe ke kwabo bakhohlakeleyo uThixo uthi:“Ngani ukuba niyicengceleze imithetho yam,nincokole ngomnqophiso wam?

17 Kaloku niyayenyanya ingqeqesho;aniyithobeli nemiyalelo yam.

18 Nakudibana nesela, nihlobana nalo;abakrexezi niyevana nabo.

19 “Usoloko uthetha kakubi;uqhelene nentlebendwane.

20 Uncokola kakubi ngamawethu;uhleba nomntakanyoko lo.

21 Ndinibukele nizenza ezi zinto,andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani.Kodwa ke ngoku ndiyakhalima;ndilaneka phambi kwenu ityala.

22 “Phulaphulani, nina bangandikhathalelanga,hleze ndiniqwenge, angabikho nonqandayo.

23 Obingelela ngokubulela uyandidumisa;uzilungiselela ukusindiswa nguThixo.”