1 Ndiwuphakamisela kuwe, *Ndikhoyo, umphefumlo wam;
2 Thixo wam, ndithembele kuwe.Mandingakhe ndidane konke;mazingakhe zindivuyelele konk' iintshaba zam.
3 Ewe, mabangadani bonk' abathembele kuwe;mayibe ngâbo banxaxhayo amabadane.
4 Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;ndifundise iindlela zakho.
5 Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;ndihleli ndikulindele imini yonke.
6 Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
7 Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,nokungathobeli kwam umthetho wakho;kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.
8 UNdikhoyo unobubele, ulungile.Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
9 Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,abafundise indlela yakhe abalulamileyo.
10 Zonk' iindlela zikaNdikhoyo zezothando nenyanisokwabo bathobela umnqophiso nemithetho yakhe.
11 Ngenxa yegama lakho, Ndikhoyo, ndixolele ityala lamnakuba lilikhulu kangaka.
12 UNdikhoyo uya kumbonisa indlela umntu omoyikayo.
13 Uya kuhlala enenkqubelanabantwana bakhe ube lilifa labo umhlaba.
14 Ungumhlobo kwabo bamhlonelayo uNdikhoyo,uyabaqondisa umnqophiso wakhe.
15 Ndihleli ndilindele uncedo lukaNdikhoyo,kuba uyawusombulula umgib' ezinyaweni zam.
16 Buyela kum, Ndikhoyo, undenzele inceba;kaloku ndilikheswa, ndixhwalekile.
17 Ndikhulule kwintlungu endikuyo,undikhuphe ezimbandezelweni.
18 Qwalasela ubunzima nosizi endikulo,undixolele zonk' izono zam.
19 Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.
20 Bukhusele ubomi bam, undihlangule;mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.
21 Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,kuba kaloku ithemba lam likuwe.
22 Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayelikuzo zonke iimbandezelo zabo.