Iindumiso 104 XHO96

Ukubonga uMdali

1 Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;

2 ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;

3 ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,enze iinqwelo ngamafu,achankcathe phezu kwamaphik' omoya;

4 ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.

5 Zabekwa nguw' iziseko zomhlabaze zingashuku-shukunyiswa bani.

6 Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,wang' uwambes' ingubo,atshw' amanzi azithi gqume iintaba.

7 Uthe wakuwakhalimel' abaleka;zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,aphaphathek' elatyuza.

8 Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.

9 Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.

10 Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,

11 apho kusel' izilwanyana,nalaph' amaqwarh' athob' unxano.

12 Kulapho zakhela khon' iintaka,zintyiloz' emasebeni emithi.

13 Ulonkcenkceshel' iintaba ngeemvula zaphezulu;uchumil' umhlaba ziintsikelelo zakho.

14 Ulontshulisel' iinkomo ingca,akhulisel' abantu izityalo,kuvel' isivuno sokutya,

15 newayin' echwayitisayo,amafuth' okuthambisa,kunye nesonka sokubondla.

16 Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.

17 Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.

18 Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.

19 Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.

20 Ubusuku benziwa nguwe,ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.

21 Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.

22 Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,ziye kulal' ezikhundleni zazo.

23 Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.

24 Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.

25 Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.

26 Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.

27 Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.

28 Wakuzipha ziyatya,ze wakuzondla zihluthe.

29 Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.

30 Wakuthumela umoya wakho ziyadalwa,butsho buvuseleleke ubuso bomhlaba.

31 Masime ngonaphakade isihomo nesithozela sakho, Ndikhoyo;wanga ungakonwabisa umsebenzi owenzileyo.

32 Wena uthi ungawujonga nje ube selungcangcazela umhlaba,uzichukumis' iintaba zitsho ziphum' umsi.

33 Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.

34 Wanga angavuyiswa ngumbongo wam uNdikhoyo,kuba yena uyandivuyisa.

35 Mababhangisw' aboni ehlabathini;makangabikho konk' amatshijolo.Wena moya wam, mbonge uNdikhoyo;ewe, mbonge uNdikhoyo!