1 Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,abo bazono zabo zingcwatyiweyo.
2 Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,umnt' ongenayo konke inkohliso.
3 Ndithi ndakungasivumi isono sam,amandla atsho andiphelele,ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.
4 Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.
5 Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”wandixolela wena ityala lam.
6 Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.
7 Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.Undirhangqe ngosindiso lwakho;ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
8 Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,ndikufundise, ndikujonge.
9 Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.
10 Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.
11 Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!