1 Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.
2 Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.
3 Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;ubulungisa bakhe buhlala buhleli.
4 Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;uNdikhoyo unobubele enesisa.
5 Uyabondla abo bamthobelayo;yena akawulibali umnqophiso wakhe.
6 Abantu bakhe ubabonisile amandla akhengokubabèla ilifa leentlanga.
7 Ewe, imisebenzi yakhe mihle, inyanisekile;umntu angaqamela ngemimiselo kaNdikhoyo.
8 Ke yona iya kuhlala ihleli;yamiselwa ngentembeko nokunyaniseka.
9 Abantu bakhe wabathi jize ngenkululeko,waza wabamisela umnqophiso ongatshitshiyo.Hay' ubunyulu nobungangamsha begama lakhe!
10 Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!