1 Igwijo lam lingentembeko nokulunga;ndiya kukombelela lona, *Ndikhoyo.
2 Ndisoloko ndikuhlonela;woda ufike nini na, Mhlekazi?Ndohlala ndimsulwa emzini wam;
3 andisayi kumelana nobutshijolo.Ndizithiyil' izimilo zabangahloneli Thixo;andihambisani nazo mpela.
4 Andiyi kungathembeki;andiyi kusondela ebubini.
5 Ndomlumkela umnt' onentlebendwane,ndingalinyamezeli ikratsha negumasholo.
6 Ndobamkela abahlonela uThixo kwibhotwe lam,amagosa am abe ngabantw' abathembekileyo.
7 Akukho mkhohlisi uya kuba semzini wam,naxoki liya kuhlala apho ndikhoyo.
8 Ndowatshabalalisa rhoqo onke amatshijolo elizweni,ndibagxoth' abantw' abagwenxa emzini kaNdikhoyo.