1 Ndikhusele kaloku, Thixo;ndithembele ngawe.
2 Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.
3 Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo;nditsho leyo itshatsheleyo kweli hlabathi.
4 Bazandisel' iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.
5 Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.
6 Isabelo sam sisendaweni entle;hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!
7 Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;nesazela sam siyandiluleka ebusuku.
8 Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.
9 Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;ngenene ndiziva ndikhuselekile.
10 Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.
11 Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.