1 UThixo ulihlathi nenqaba yethu;ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.
2 Ngoko ke asoyiki lutho, nokuba ihlabathi lingazama-zama,nokuba iintaba zingaphoswa enzulwini yolwandle.
3 Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.
4 Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.
5 UThixo uthe zinzi apho kuso.Ngoko ke asinakuze sitshabalale,kuba yena usinceda kwasekuseni.
6 Izizwe ziyaphithizela;izikumkani ziyabhukuqwa.Lakuhlokoma ilizwi lakheihlabathi litsho linyibilike.
7 *UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.
8 Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.Ewe, uliphanzisile ihlabathi.
9 Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.Uyasiqoboza isaphetha,awuvikive umkhonto,amakhaka awantumek' umlilo.
10 Uthetha ngelizwi athi:“Phezani, ndim uThixo.Ndizivelele izizwe;nehlabathi ndilikrobele.”
11 UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.