Iindumiso 145 XHO96

Ingoma yokudumisa

Elokudumisa; umhobe kaDavide.

1 Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2 Ndiya kukubulela mihla le;igama lakho ndolidumisa kude kuse ephakadeni.

3 Ngenene *uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;obakhe ubukhulu abuphengululeki.

4 Isizukulwana siya kubalisela esilandelayo ngemisebenzi yakho;siya kuzibhengeza izigigaba zakho kwisizukulwana esilandelayo.

5 Ndiya kucamngca ngemisebenzi yakho emangalisayo,nesidima sobuqaqawuli bobungangamsha bakho.

6 Abantu baya kububhengeza ubukhulu bezenzo zakho ezikhwankqisayo,ndaye ndiya kububabaza ubukhulu bakho.

7 Baya kuluxela udumo lokulunga kwakho;ewe, baya kutsholoza bencoma ubulungisa bakho.

8 UNdikhoyo unesisa, yaye enovelwano.Yena unomonde; uyimvuze-mvuze bububele.

9 UNdikhoyo uyabalungiselela bonke abantu;unemfobe ngazo zonke izinto azenzileyo.

10 Zonke izinto ozenzileyo ziya kudomboza zibulele, Ndikhoyo;imilowo yakwakho iya kukudumisa.

11 Baya kuyibhengeza indili nesidima solawulo lwakho;amandla akho aya kuba ngundaba-mlonyeni,

12 ukuze uluntu luzazi izigigaba ozenzileyokwanesidima nobuqaqawuli bolawulo lwakho.

13 Ulawulo lwakho alunamida yasiphelo;ubukhosi bakho bozityhutyha zonke izizukulwana.Ilizwi alithethileyo uNdikhoyo alidliwa nja,yaye unesisa kuko konke akwenzileyo.

14 UNdikhoyo uyabaxhasa bonke abagqush' eluthulini,abaphakamise bonke abathobekileyo.

15 Iinto zonke zikhangela kuye ngethemba,ke yena uyazondla ngexesha elililo.

16 Ewe, yena zivulekile izandla zakhe,izinto zonke uyazanelisa ngokweentswelo zazo.

17 UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,unobubele kuko konke akwenzayo.

18 UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,kwabo bamfuna benyanisekile.

19 Uyabahlangabeza abo bamhlonelayo;uyasabela bakuzibika, abahlangule.

20 UNdikhoyo uyabalondoloza abo bamthandayo;ke bona abakhohlakeleyo uya kubatshabalalisa.

21 UNdikhoyo ndiya kusoloko ndimdumisa.Mazimdumise zonke izidalwa,zilincome igama lakhe elihloniphekileyo;ewe, kude kube ngunaphakade.