1 Aa! Bayethe, Mhlekazi!Bongan' *uNdikhoyo, nimdumise emazulwini;mdumiseni kweliphezulu!
2 Mbongeni, nonke nina zithunywa zakhe;mdumiseni, nani mikhosi yakhe!
3 Mbongeni, wena langa nawe nyanga;mdumiseni, nonke zinkwenkwezi eziqaqambileyo!
4 Mbongeni, nani mazulu asemajuku-jukwini;ewe, makube njalo nakuni, manzi angaphaya kwesibhakabhaka!
5 Ewe, mazilidumise igama likaNdikhoyo;kaloku yena wathetha ngelizwi, zabakho ke zona.
6 Wazimisela ukuze zihlale zihleli nanini-nanini;ewe, wazimisela umda ongasoze washukunyiswa.
7 Dumani kuNdikhoyo nalapha emhlabeni!Nditsho kuni, bominenga, nani nonke, manzi anzongonzongo,
8 wena mlilo, nawe sichotho, khephundini, nani mafu,nawe saqhwithi sofezekisa ilizwi lakhe.
9 Dumani, zintaba, nani zinduli,mithi yeziqhamo, nani nonke misedare!
10 Mbongeni, nina marhamncwa, nani nonke zinkomo,nina zinto zirhubuluzayo, nani zintaka ziphaphayo!
11 Khahlelani, zikumkani zehlabathi, nani nonke zizwe,matshawe, nani nonke zinxiba-mxhaka zehlabathi!
12 Dumisani xa ninonke, mlisela kwanani mthinjana;yenzani njalo, maxhego kwanani bantwana!
13 Ewe, mabalibonge igama likaNdikhoyo;kaloku yena ngugama-khulu.Ke bona ubungangamsha bakhebulivelele ihlabathi ndawonye namazulu.
14 Ewe, abantu bakhe ubathe jize ngodumo nobungangamela,ke yona imilowo yakhe ithwel' intshinga yendumiso –nditsho amaSirayeli, isizwe esisenyongweni kuye.Masitsho sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”