Iindumiso 71 XHO96

Umthandazo wengwevu

1 *Ndikhoyo, ndizimela ngawe, mandingaze ndidaniswe.

2 Njengokuba ulilungisa, ndihlangule undisindise;ndiphulaphule, undikhulule.

3 Yiba ngumqolomba wokuzimela;yiba yinqaba endiphephela kuyo.Thetha ngezwi ndikhuseleke;kaloku uligwiba elindikhuselayo.

4 Thixo wam, ndihlangule kwabakhohlakeleyo,ndingabanjwa ngabagwenxa nezikhohlakali.

5 Kaloku ithemba lam nguwe, Nkosi;ndakholosa ngawe ndisengumntwana, Ndikhoyo.

6 Ndaqamela ngawe kwasekuzalweni;ndakhutshwa nguwe kumama.Ndiya kukubonga njalo-njalo.

7 Ndisisimanga kwabaninzi,kodwa ke wena uyandikhusela.

8 Ndiswel' imilomo yokukubonga,ndikudumise maxa onke.

9 Ungandilahli ndakuguga;ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.

10 Iintshaba zifakan' imilomo ngam;abandizungulayo bayacebisana.

11 Bathi: “Ulahliwe nguThixo.Masimsukele simgxagxamise.Akukho uya kumhlangula.”

12 Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!

13 Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.

14 Ndiya kuthembela kuwe rhoqo,ndikubonge njalo-njalo.

15 Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakhonakuba lungenakuphicothwa.

16 Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,ngenxa yamandla akho,ndikubonge ngobulungisa obungakanana.

17 Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,kuba iyamangalisa.

18 Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo,ndide ndiwabhengeze amandla akhonakwizizukulwana ezizayo.

19 Amandla nobulungisa bakho, Thixo,bufikelela emazulwini.Kambe zinkulu izinto ozenzileyo.Awu, Thixo, akakho onjengawe!

20 Undithubelezise ezinkathazweni ezininzi;kambe ke uya kundihlangula ekufeni,undikhuphe emathunjini omhlaba.

21 Uya kundizimasa, undithuthuzele kwakhona.

22 Ndiya kubeth' ihapu ndikubonge,kuba uthembekile, Thixo wam.Ndobeth' ikatala ndikudumise,wena Ngcwele kaSirayeli.

23 Ndiya kumemelela ndinemincili,ndicule ngokuzimisela okukhulungenxa yokuba undihlangule.

24 Ndiya kubalisa ngobulungisa bakho,ndithethe ngabo ndingaphezi,kuba abo babezama ukundenzakalisabahlazisiwe batsho baphoxeka.