1 Ndiyabhomboloza, ndizibika *kuNdikhoyo;ndiyahlahlamba, ndibhenela kuNdikhoyo.
2 Ndiphokoza isikhalo sam phambi kwakhe;ndimbikela zonke iingxaki zam.
3 Ndakuba ndidakumbile yena uyayazi imeko yam.Iintshaba zindithiyisela endleleni yam.
4 Ndakukhangela ngasekunene, akakho ozidubayo ngam;ayikho indawo yokuzimela,kungekho namntu undikhathaleleyo.
5 Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo;kaloku wena uyinqaba yam,nguwe ibango lam kweli lizwe.
6 Sibazele iindlebe isikhalo sam,kuba kaloku ndixhwalekile.Ndihlangule kwabo banditshutshisayo;kaloku bona bomelele kunam.
7 Ndikhulule kula makhamandela,ukuze ndilibonge igama lakho.Amalungisa aya kundiphahla,kuba wena undithamsanqele.