Iindumiso 33 XHO96

Ingoma yokubonga

1 Mdumiseni *uNdikhoyo, nina malungisa!Ewe, afanele ukumdumisa uNdikhoyo amalungisa.

2 Mbetheleni uhadi uNdikhoyo,nimenzele ingoma ngeehapu ezingcingo zilishumi.

3 Mombeleleni ingoma entsha uNdikhoyo;mdlaleleni ngobuchule nimemelela.

4 Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

5 UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.

6 Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

7 Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.

8 Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,bamhlonele bonke abemi balo.

9 Wathetha kaloku, laza ladalwa;wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.

10 Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.

11 Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12 Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,eso asinyule sangabantu bakhe.

13 Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,ababone bonke oonyana babantu.

14 Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,engqendeve kwibhotwe lakhe.

15 Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.

16 Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;asimandla agorha alisindisayo.

17 Akuthenjelwa ngahashe edabini,kungemandla alo amsindisayo umntu.

18 UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19 aze abahlangule ekufeni,abondle ngelixa lendlala.

20 Thina sithembele kuNdikhoyo,kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21 Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22 Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,njengoko kaloku sithembele kuwe.